Imithetho Yendlela

Ukuthuthwa Kwempahla Nabakhweli

Ukuthuthwa Kwempahla

Impahla ayinakulayishwa emotweni ngendlela enokuthi:

  • ichukumise umphezulu wendlela,
  • ivingcele ukubona komqhubi/umkhweli kwitrafikhi ephambili okanye kwelinye icala, okanye ukubona kwakhe kwisipili sokujonga ngasemva okanye izipili zetrafikhi engasemva,

Engathi -

  • ayiqulathwanga ngokhuseleko ngaphakathi kuloo moto; okanye
  • ayibotshelelwanga ngokuqinileyo kuloo moto,

kwaye engakhuselwanga kakuhle ekubeni ishenxiswe okanye ichitheke kuloo moto.

Phezu kophahla lwayo, kwimeko apho loo moto yimoto yabucala, ukuba ukuphakama kwaloo mpahla okulinganiswe ukusuka kwindawo ephakame kakhulu yolo phahla kugqitha isiqingatha sokuphakama kwemoto, kulinganiswa ukusuka emhlabeni: Ngaphandle kokuba imimiselo yeli candelwana ayisebenzi kwiibhayisekile ezithuthwa phezu kophahla lwemoto.

Nasiphi na isikhongozeli esinendlela yokubotshelelwa ngee-'twist locks', ngaphandle kokuba eso sikhongozeli sibotshelelwe ngokuqinileyo ubuncinane ngee-'twist locks' ezine.

Indlela elungileyo yokuthutha imithwalo kwisithuthuthu kukufaka imithwalo kwizithwali ezifanelekileyo ezibotshelelwe ngokuqinileyo kwisithuthuthu.

Iimeko Apho Abantu Banokuthwalwa Kwimoto Yempahla

Ukuba abantu bathwalwa kwimoto yempahla, loo nxalenye yemoto abathuthwa kuyo kufuneka ibiyelwe ukuya kubude -

  • obungephantsi kweemilimitha ezingama-350 ngaphezu komphezulu ahleli kuwo loo mntu, okanye
  • obungephantsi kweemilimitha ezingama-900 ngaphezu komphezulu ami kuwo loo mntu.

Kuchasene nomthetho ukuba abakhweli bakhwele kwikharavani.